4 Kananjalo wayakha iTademore entlango phaya, ndawonye nazo zonke izixeko ezingoovimba awazimisa eHamati.
5 Wayihlaziya neBhete-horon ephezulu ndawonye naleyo isezantsi, wazenza iinqaba ezibiyelweyo ngeendonga ezinamasango nemivalo,
6 kwakunye neBhalati nazo zonke izixeko zakhe ezingoovimba, nezixeko zeenqwelo kunye nezamahashe akhe, nayo nantoni na awayakhayo eJerusalem naseLebhanon, ukanti nakuwo wonke ummandla awayewulawula.
7 Bekukho abantu ababesele kwiintlanga zamaHiti, ama-Amori, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi. Ezi ntlanga ke zazingengawo amaSirayeli,
8 koko zazisisizukulwana sazo esasingatshatyalaliswanga ngamaSirayeli. Ke uSolomon wazigaya zonke zalibutho labasebenzi abanyanzelwayo, njengoko kusenjalo unanamhla.
9 Kambe ke uSolomon lo amaSirayeli akawafakanga kwibutho labasebenza ngokunyanzelwa, koko wawagayela kumabutho omkhosi, aba ziingqwayi-ngqwayi zomkhosi nababhexeshi beenqwelo, nabakhweli-mahashe.
10 Amanye ke ayengamaphakathi aphambili kakumkani uSolomon, engamagosa angamakhulu amabini anamashumi amahlanu awayongamele amadoda.