8 koko zazisisizukulwana sazo esasingatshatyalaliswanga ngamaSirayeli. Ke uSolomon wazigaya zonke zalibutho labasebenzi abanyanzelwayo, njengoko kusenjalo unanamhla.
9 Kambe ke uSolomon lo amaSirayeli akawafakanga kwibutho labasebenza ngokunyanzelwa, koko wawagayela kumabutho omkhosi, aba ziingqwayi-ngqwayi zomkhosi nababhexeshi beenqwelo, nabakhweli-mahashe.
10 Amanye ke ayengamaphakathi aphambili kakumkani uSolomon, engamagosa angamakhulu amabini anamashumi amahlanu awayongamele amadoda.
11 Ke kaloku uSolomon wamkhupha umkakhe owayeyintombi yokumkani waseJiputa phaya kwisixeko sikaDavide, wamsa kwelo bhotwe wayemakhele lona, kuba wayesithi: “Umfazi wam akanakuhlala kwisixeko sikaDavide ukumkani wakwaSirayeli, kuba ifakwe khona ityesi kaNdikhoyo; ngoko ke siyindawo engcwele.”
12 Kwiqonga likaNdikhoyo awayelakhile phambi kwevaranda uSolomon wanikela amadini atshiswayo kuNdikhoyo,
13 loo nto eyenza ngokwemfuneko nommiselo wemini nganye, ngokomlomo kaMosis mayela *neMihla yoPhumlo, ukuthwasa kwenyanga, naloo matheko mathathu ayesenziwa minyaka le – itheko lezonka ezinganyuswanga, itheko lolibo, netheko lamaphempe.
14 Ngokommiselo kayise uDavide naye wazimisa izigaba zababingeleli ngokwemisebenzi yabo, waza ke bona abaLevi wabamisela ukuba babhexeshe iingoma, nokuba basebenzisane nababingeleli ngokweemfuneko zemini nganye. Kananjalo wamisela nabagcini-masango ngokwamasango lawo ahlukeneyo. Kaloku lowo yayingummiselo kaDavide umfo wakwaThixo.