3 Ukumkanikazi waseShebha akububona ubulumko bukaSolomon, ebona nelo bhotwe wayelakhile,
4 nokutya okusetafileni yakhe, naloo maphakathi akhe, nendlela ahlaliswe ngayo, nezicaka ziwunduzelisa ngeminweba, nabangcamli bevathe ezabo, naloo madini atshiswayo wayewenza endlwini *kaNdikhoyo, wasuka wee khumnqa.
5 Wathi kukumkani: “Ingxelo endiyive kwelakowethu mayela nempumelelo yakho ndawonye nobulumko bakho kuthe kanti yinyani.
6 Kambe ke zange ndiyikholelwe into ababeyithetha de ndazibonela ngala wam amehlo. Ngenene mayela nobukhulu nobulumko bakho andixelelwanga nesiqingatha esi; wena ukude lee kwingxelo endandiyifumene.
7 Anoyolo amadoda akwakho! Anenyhweba amaphakathi akho asoloko ekuququzelela esiva nobu bulumko bakho!
8 Makabongwe uNdikhoyo uThixo wakho, yena ukholisekileyo nguwe waza wakubeka esihlalweni ukuze ulawule esikhundleni sakhe. UThixo wakho uyamthanda uSirayeli, yaye ke ufuna ukumxhasa naphakade, kungoko ke amise wena ukuba ube ngukumkani wamaSirayeli ukuze uzinzise umthetho nobulungisa.”
9 Ke ukumkanikazi waseShebha wanika uSolomon igolide ebunzima bungaphezu kweekhilogram ezingamawaka amane, kunye nentaphane yezinongo, namatye exabiso. Ezingako zona izinongo azizange zibekho njengezo zanikwa ukumkani uSolomon ngukumkanikazi waseShebha.