2 *UNdikhoyo wathi kuGidiyon: “La madoda unawo maninzi gqitha; andingekhe ndiwanikele ezandleni zawo amaMidiyan, hleze aqhayise athi: ‘Sizizuzele ngawethu amandla olu loyiso.’
3 Ngoko ke thetha nawo uthi: ‘Nabani na ogubhayo luloyiko makagoduke, anyebeleze emke apha kwiintaba zeGiliyadi.’ ” Akuba etshilo ke kwajika amashumi amabini amawaka, kwaza kwasala ishumi lamawaka kuphela.
4 UNdikhoyo waqhuba wathi kuGidiyon: “Nangoku asemaninzi la madoda unawo. Yihla nawo uye emfuleni; ndiza kuwaphungula. Ke indoda endithe mayihambe nawe, yohamba, kodwa endithe mayisale, mayisale.”
5 UGidiyon ke waya nawo emanzini apho, waza uNdikhoyo wathi kuye: “Wahlula-hlule la madoda; yonke indoda esela amanzi ngokuwakha ngesandla, ngathi yinja ixhaph' amanzi, yahlule kuleyo icambalalayo xa iselayo.”
6 Ke kaloku amadoda awakha ngezandla amanzi xa aselayo aba ngamakhulu amathathu; aza ke amanye lawo acambalala xa aselayo.
7 UNdikhoyo ke wathi kuGidiyon: “Uyabona ke ngoku ndiza kunihlangula ngala makhulu mathathu axhapha amanzi, ndiwanikele ezandleni zakho la maMidiyan. Amanye la amadoda makagoduke.”
8 Ngoko ke uGidiyon wawagodusa amaSirayeli, ngaphandle kwalaa makhulu mathathu awawugcina umphako ngokunjalo nezigodlo ebezize namanye. Ke wona amaMidiyan ayemise kwintili esezantsi kwabo.