16 Ngoko ke wathatha ameva nenkunzane, wawaphala ngayo, ewafundisa isifundo amadoda amakhulu aseSukoti.
17 Wayidiliza nenqaba yasePenuweli, wawabulala amadoda akhona.
18 UGidiyon wabuza uZebha noZalmuna wathi: “Ayeluhlobo luni na laa madoda nawabulalayo eTabore?”Ke bona baphendula bathi: “Ayefana nawe lowo kanye – onke ayengathi ngoonyana bokumkani.”
19 UGidiyon wathi: “Yayingabantakwethu abazalwa ngumama. Inene, ndiyafunga, ekho nje uNdikhoyo, ukuba naningawabulalanga bendingazukunibulala nani ngoku.”
20 Wayalela unyana wakhe omkhulu, uYetere, wathi: “Khwela kubo; babulale!” Kodwa ke inkwenkwe leyo yoyika, ayabinza, kuba yayiselula.
21 UZebha noZalmuna bathi ke kuGidiyon: “Sibulale ngokwakho; kaloku indoda ibonakala ngamandla ayo.” UGidiyon ke wababulala, waza wazithatha izihombiso ezazisezintanjeni zeenkamela zabo.
22 Emva koko ke amaSirayeli acela uGidiyon athi: “Masesilawulwa nguwe nenzala yakho. Kaloku nguwe osihlanguleyo kumaMidiyan.”