1 Kunyaka wesithathu uSirasi engukumkani wasePeshiya uDaniyeli okwabizwa ngokuba nguBhelteshazare watyhilelwa udaba oluthile. Olo daba luyinyani, kodwa kunzima ukululandela. Kambe ke waluchazelwa ngombono.
2 Ngelo thuba ke mna Daniyeli ndazila iiveki zada zantathu.
3 Ndandingatyi kutya kodidi, nditsho nenyama nawayini zange ndizifake emlonyeni wam, yaye zange ndithambise nokuthambisa kwada kwadlula ezo veki zintathu.
4 Ke kaloku ngosuku lwamashumi amabini anesine kwinyanga yokuqala yonyaka ndandimi phezu komlambo omkhulu iHidekele.
5 Ndathi ndakukhangela ndabona indoda enxibe iimpahla zelinen, ibhinqe ngebhanti yegolide ecwengileyo.