13 Kambe ke isithunywa sombuso wasePeshiya sachasana nam iintsuku ezimashumi mabini ananye. Ndide ndancedwa yingqwayi-ngqwayi yezithunywaIsiHebhere sithi “itshawe” nangezantsi kwivesi yama-20 neyama-21 zikaThixo uMikayeli, weza kundikhulula apho ndandithintelwe khona ePeshiya.
14 Ngoko ke ngoku ndize kukuchazela izinto eziya kuhlela amawenu kwimihla ezayo, kuba kaloku lo mbono unxulumene naloo mihla.”
15 Ithe ke yakutsho mna ndajonga phantsi, ndisikwe umlomo.
16 Ke kaloku umfo omfano ingathi yeyomntu wolula isandla, wachukumisa imilebe yam, ndaza ndawuvula umlomo wam ndathi kuye emi phambi kwam: “Mnumzana, lo mbono unditsho ndonganyelwa kukoyika; ndiphelelwe ngamandla.
17 Kuxa bendingubani ke mna sicaka sakho, ukuba ndide ndithethe nenkosi yam? Sendiphelelwe nangamandla la; kunzima nokuphefumla oku.”
18 Waphinda ke loo mfo ufana nomntu wandichukumisa, ndaza ndatsho ndomelezeka.
19 Waqhuba wathi: “Mfondini, uxabisekile! Musa ukoyika; yomelela; ewe, yomelela ube noxolo.”Akuba etshilo ke, ndatsho ndomelela; ndaza ke ndathi kuye: “Undomelezile; thetha, nkosi yam, ndiphulaphule.”