8 Ke mna ndasala ndodwa ndiwubukele loo mbonokazi. Ndasuka ndavikiveka, nobuso bam bambatsha, ndaphelelwa tu ngamandla.
9 Ndayiva ke ithetha, ndathi ndisaphulaphule njalo ndalala obunzulu ubuthongo, ubuso bam bujongise emhlabeni.
10 Ndeva ndichukunyiswa sisandla, sandimisa ngamadolo kunye neentende zezandla zam ndigevezela.
11 Loo ndoda ke yathi kum: “Daniyeli, ungumfo oxabiseke kunene. Kambe ke phakama, ume kuloo ndawo ukuyo, uwagqale la mazwi ndiza kukuxelela wona, kuba ndithunywe kuwe.” Yakutsho ke ndaphakama, kodwa ndisangcangcazela.
12 Yaqhuba ke yathi: “Sukoyika, Daniyeli. Kaloku uThixo wawuva kwamhla-mnene umthandazo wakho ngalaa mhla waqala ukuzithoba, ufuna ingcaciso. Ndilapha nje kungenxa yaloo mazwi akho.
13 Kambe ke isithunywa sombuso wasePeshiya sachasana nam iintsuku ezimashumi mabini ananye. Ndide ndancedwa yingqwayi-ngqwayi yezithunywaIsiHebhere sithi “itshawe” nangezantsi kwivesi yama-20 neyama-21 zikaThixo uMikayeli, weza kundikhulula apho ndandithintelwe khona ePeshiya.
14 Ngoko ke ngoku ndize kukuchazela izinto eziya kuhlela amawenu kwimihla ezayo, kuba kaloku lo mbono unxulumene naloo mihla.”