Udaniyeli 2:5-11 XHO96

5 Ke yena ukumkani waziphendula iingcali zeenkwenkwezi wathi: “Nasi isigqibo endifikelele kuso: ukuba ke nina aninako ukundixelela iphupha elo, ngaphezu koko nindichazele nentsingiselo yalo, ndiya kuninqunqa nibe ziziqwenga, nemizi yenu idilizwe ibe yindawo ekuyiwa kuyo ngasese.

6 Kodwa ke ukuba niyandichazela iphupha elo kunye nentsingiselo yalo, ndiya kuninika umvuzo kunye nezipho, ndinithi jize ngewonga elikhulu. Ngoko ke ndichazeleni eli phupha kunye nento eliyithethayo.”

7 La madoda ke aphinda aphendula athi: “Ukumkani makabaxelele abakonzi bakhe iphupha lakhe, ukuze babe nako ukumtyhilela intsingiselo yalo.”

8 Waphendula ukumkani wathi: “Ngenene ngoku ndazi ngokumhlophe ukuba into eniphezu kwayo kukuhambisa ixesha, kuba nisazi ukuba sendifikelele kwisigqibo.

9 Xa ningalichazi eli phupha niya kufumana isohlwayo esinye xa ninonke. Kaloku nidibene ngeqhinga lokundixokisa, ngenjongo yokuba mhlawumbi ngokuhamba kwexesha izinto zingaguquka. Ukuze ndiqonde ukuba ninako ukulilawula iphupha eli, qalani ngokulichaza.”

10 Iingcali zeenkwenkwezi ke zamphendula ukumkani zathi: “Kulo lonke elimiweyo, mhlekazi, akukho mntu unako ukuyenza le nto ayifunayo ukumkani. Kananjalo, mhlekazi, akukho kumkani, nokuba seleyingangalala engatshonelwa langa, wakha wathi abenzi bemilingo, oosiyazi, okanye iingcali zakhe zeenkwenkwezi, mabenze into enje.

11 Le nto ukumkani ayifunayo kuthi inzima gqitha. Akukho mntu unako ukuyenza, *ngoothixo bodwa abangayenzayo – kambe ke nabo abahlali apha phakathi koluntu.”