24 Uya kukhula omelele, kodwa engakwenzi oko ngawakhe amandla. Uya kwenza intshabalalo engathethekiyo; konke akwenzayo kophumelela. Kwanâbo bomeleleyo uya kubatshabalalisa, nditsho kwanabantu abangcwele abalusapho lukaThixo.
25 Uya kuphumelela ngamaqhinga, amandla akhe abe bubuqhetseba. Uya kuba ngumfo ozingcayo, abatshabalalise abantu abaninzi bengakulindelanga oko. Uya kuvukela nditsho neTshawe lamatshawe; kambe ke uya kutshatyalaliswa, phofu kungengasandla samntu.
26 Ke kaloku lo mbono malunga nokuhlwa nokusa, lo uwutyhilelweyo, uyinyani. Kambe ke wena uze ungawudizi; uthetha ngemihla esekude ezayo.”
27 Ke mna Daniyeli ndatsho ndaphelelwa ngamandla, ndaba neentsukwana ndigula. Phofu ke ndabuya ndaphakama ndaya kumsebenzi wam endandiwuphathiswe ngukumkani. Kambe ke ndahlala ndikhwankqisiwe ngulo mbono kungekho bani unokuwuqonda.