19 Ndiya kukungeja, ndimanyane nawe ngonaphakade;ewe, ndokungeja ngobulungisa nangokusemthethweni,ngokunyaniseka nangenceba.
20 Ndokumanya nam ngentembeko,khon' ukuze undazi mna *Ndikhoyo.
21 “Ngaloo mini ndophendula;ndowaphendula amazulu,nawo awuphendule umhlaba.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
22 “Nawo umhlaba uya kuphendula,uvelise ingqolowa newayini namafutha,zona eziyimpendulo kwiYizereli.
23 Ndozihlwayelela yena emhlabeni,ndimenzele inceba lowo bekusakuthiwa nguAkenzelwanga-nceba.Kwabo kuthiwa: ‘Asibantu bam,’ndiya kuthi: ‘Ningabantu bam,’bona bathi kum: ‘Wena unguThixo wethu.’ ”