1 *UNdikhoyo wathi kum: “Phinda umthande umfazi wakho nangona engumkrexezikazi othandana nandoda yimbi, kuba nam ndisamthanda uSirayeli nakubeni ngoku selethabathekile ngabanye oothixo, ethanda amaqebengwana anerasentyisi.”
2 Ngoko ke ndamhlawulela ngeshumi elinesihlanu leesiliva nangerhasi ebunzima buziikhilogram ezilikhulu mashumi mahlanu.
3 Ndathi kuye: “Uzuzigcinele mna imihla emininzi, ukuyeke ukuhenyuza oku, ungabi ngowandoda yimbi. Nam ke ndokwenjenjalo.”
4 Kuba kaloku amaSirayeli oba nethuba elide engenakumkani natshawe, kungekho dini litshiswayo nalitye linqulwayo, *engenasidanga *namilondekhaya.