2 Ngoko ke ndamhlawulela ngeshumi elinesihlanu leesiliva nangerhasi ebunzima buziikhilogram ezilikhulu mashumi mahlanu.
3 Ndathi kuye: “Uzuzigcinele mna imihla emininzi, ukuyeke ukuhenyuza oku, ungabi ngowandoda yimbi. Nam ke ndokwenjenjalo.”
4 Kuba kaloku amaSirayeli oba nethuba elide engenakumkani natshawe, kungekho dini litshiswayo nalitye linqulwayo, *engenasidanga *namilondekhaya.
5 Kamva ke amaSirayeli aya kubuya amfune uNdikhoyo uThixo wawo, nokumkani wawo uDavide. Ngemihla yokugqibela aya kuza kuNdikhoyo ngoloyiko, efuna iintsikelelo zakhe.