1 Hoyina; hoyina, maSirayeli!Phulaphulani ilizwi *likaNdikhoyo!Kaloku uNdikhoyo unesikhalazo,umangalela abemi beli lizwe:“Akukho tu ukunyaniseka nokuthembeka;akazelwe nto uThixo kweli lizwe.
2 Intw' ekhoyo kukuqalekisa,ukuxoka, ukubulala, ukûba, nokukrexeza.Kugquba ubugebenga;igazi liphalala liphalele.
3 Ngenxa yoko ilizwe lingumqwebedu,nabo bonke abemi balo bayankolonkoza,ngokunjalo oozilwanyana noozintaka;nkqu neentlanzi elwandle phaya ziyafa.”
4 “Akafumani amangalelwe umntu,asuke nje atyholwe ngomnye,kodwa mna ndiza kuwamangalela amawenu, mbingelelindini!