12 yabantu bam.Bade babuzise nakumfanekiso womthi;bafun' ukutyhilelwa nayintonga yembala.Kaloku balahlekiswa ngumoya wobuhenyu;bakrexezile bamlahla uThixo wabo.
13 Benz' amadini kwiincopho zeentaba,baqhumisele ezindulini,phantsi kwemioki, iipampiri, nemiterebhinte,apho kukho imithunzi epholileyo.Zisuke ke iintombi zenu zihenyuze;basuke oomolokazana bakrexeze.
14 “Andiyi kuzohlwaya iintombi zenu, nakuba zingenwa luhenyuzo nje,ngokunjalo noomolokazana benu, noba bangade bakrexeza,kuba namadoda ngokwawo ayahenyuza,enza iminikelo kunyenamahenyukazi asezindlwini zonqulo-zithixo.Awu, bantundini bangaqondiyo, anikho yintshabalalo!”
15 “Nangona ukrexeza nje, Sirayeli,uJuda yena makangazibizeli ityala.Mus' ukuya eGiligali, Juda,ungayi naseBhetaven,ungenzi zifungo zilambathayo,usithi: ‘Ekho nje uNdikhoyo!’
16 “Hayi, kamb' iinkani zakhe uSirayeli, nqwa nethokazi elidlokovayo!Ke uNdikhoyo angamalusa njani okwetakane edlelweni?
17 UEfrayim uthene nca nezithixo.Suka, myeke enjalo!
18 Zithi zingahlutha yiwayini iinkokhelizisuke zingene ekuhenyuzeni;ndaweni yokukhusela zikheth' ihlazo.