2 Intw' ekhoyo kukuqalekisa,ukuxoka, ukubulala, ukûba, nokukrexeza.Kugquba ubugebenga;igazi liphalala liphalele.
3 Ngenxa yoko ilizwe lingumqwebedu,nabo bonke abemi balo bayankolonkoza,ngokunjalo oozilwanyana noozintaka;nkqu neentlanzi elwandle phaya ziyafa.”
4 “Akafumani amangalelwe umntu,asuke nje atyholwe ngomnye,kodwa mna ndiza kuwamangalela amawenu, mbingelelindini!
5 Ùza kukhubeka uwe emini wena,nomshumayeli akhubeke awe kunye nawe ebusuku;ewe, nkqu nonyoko ndomcim' igama.
6 Kaloku abantu bam bayatshabalalangenxa yokuswela ulwazi ngam.“Kaloku uyalubukula ulwazi ngam;nawe ke ndiyakukhiqa kububingeleli bam.Wena uwutyeshele umthetho woThixo wakho;andiyi kubakhathalela ke noonyana bakho.
7 “Okukhona baye besanda ababingeleli,kokukhona kwandayo nokundona kwabo.Ke lona olo dumo lwabo ndolujika lube lihlazo.
8 Bona batya ngezono zabantu bam;eyona nto bayifunayo kukuba makwenziwe ubugwenxa.