5 Ùza kukhubeka uwe emini wena,nomshumayeli akhubeke awe kunye nawe ebusuku;ewe, nkqu nonyoko ndomcim' igama.
6 Kaloku abantu bam bayatshabalalangenxa yokuswela ulwazi ngam.“Kaloku uyalubukula ulwazi ngam;nawe ke ndiyakukhiqa kububingeleli bam.Wena uwutyeshele umthetho woThixo wakho;andiyi kubakhathalela ke noonyana bakho.
7 “Okukhona baye besanda ababingeleli,kokukhona kwandayo nokundona kwabo.Ke lona olo dumo lwabo ndolujika lube lihlazo.
8 Bona batya ngezono zabantu bam;eyona nto bayifunayo kukuba makwenziwe ubugwenxa.
9 Ngoko ke mna ndobopha ngentamb' enye,ndingakhethi mntu nambingeleli,ndibohlwaye bonke ngenxa yeendlela zabo,ndibabuyekeze ngenxa yeentlondi zabo.
10 Boba ngatya, banganeli noko;boba ngahenyuza, bangandi kodwa;kuba bakuyekile ukumphulaphula uNdikhoyo,
11 basuka bazilahlela ekuhenyuzeni.”“Entsha nendala iwayini iyithimba kuthi tu ingqondo