7 “Okukhona baye besanda ababingeleli,kokukhona kwandayo nokundona kwabo.Ke lona olo dumo lwabo ndolujika lube lihlazo.
8 Bona batya ngezono zabantu bam;eyona nto bayifunayo kukuba makwenziwe ubugwenxa.
9 Ngoko ke mna ndobopha ngentamb' enye,ndingakhethi mntu nambingeleli,ndibohlwaye bonke ngenxa yeendlela zabo,ndibabuyekeze ngenxa yeentlondi zabo.
10 Boba ngatya, banganeli noko;boba ngahenyuza, bangandi kodwa;kuba bakuyekile ukumphulaphula uNdikhoyo,
11 basuka bazilahlela ekuhenyuzeni.”“Entsha nendala iwayini iyithimba kuthi tu ingqondo
12 yabantu bam.Bade babuzise nakumfanekiso womthi;bafun' ukutyhilelwa nayintonga yembala.Kaloku balahlekiswa ngumoya wobuhenyu;bakrexezile bamlahla uThixo wabo.
13 Benz' amadini kwiincopho zeentaba,baqhumisele ezindulini,phantsi kwemioki, iipampiri, nemiterebhinte,apho kukho imithunzi epholileyo.Zisuke ke iintombi zenu zihenyuze;basuke oomolokazana bakrexeze.