2 suka nemba umhadi eShitim.Ukanti ke ndiza kunohlwaya xa ninonke.
3 Kaloku ndiyanazi, ndlundini kaEfrayim;ewe, Sirayeli, awufihlakalanga apha kum.Wena Efrayim, usahenyuza nangoku!Mh-mh-mh! Urhono-rhono, Sirayeli!
4 “Izenzo zabo zisuke zaxaba,zayivala indlela yokubuyela kuThixo wabo.Kaloku bathiwe fithi luhenyuzo;abamkhathalele nganto *uNdikhoyo!
5 Ikratshi likaSirayeli liyamjikela;uSirayeli noEfrayim baza kukhubeka bawe ngenxa yobugwenxa babo,kwanoJuda atsho akhubeke awe kunye nabo.
6 Baxhakazela behamba nemihlambi yabo,befuna uNdikhoyo ngamadini,kodwa soze bamfumane;kaloku yena urhoxile kubo.
7 Kaloku bona bayamphamba uNdikhoyo;ewe, bade bazale nemigqakhwe.Ke amatheko abo okuthwasa kwenyangaobaqwenga kunye namasimi abo.
8 “Hlokomisan' isigodlo eGibheya,nihlab' umkhosi ngexilongo eRama.Ze niwuvakalise naseBhetaven.IBhetaven, igama elithetha umzi wenkohlakalo, ligama ebizwa ngalo apha iBhetele, igama elithetha umzi kaThixoPhakath' emsini, wena Bhenjamin!