7 Kaloku bona bayamphamba uNdikhoyo;ewe, bade bazale nemigqakhwe.Ke amatheko abo okuthwasa kwenyangaobaqwenga kunye namasimi abo.
8 “Hlokomisan' isigodlo eGibheya,nihlab' umkhosi ngexilongo eRama.Ze niwuvakalise naseBhetaven.IBhetaven, igama elithetha umzi wenkohlakalo, ligama ebizwa ngalo apha iBhetele, igama elithetha umzi kaThixoPhakath' emsini, wena Bhenjamin!
9 Yeka ke ngomhla wesohlwayo:uEfrayim yena ndomvuthulula.Nonke nina zindlu zikaSirayeli,yazini, kuba oku kuqinisekile.
10 Kaloku wona amatshawe akwaJudaselefana nâbo bahlehlisa umlimandlela.Ndosuka ndibagalele ngomsindo wam,babe ngathi bafikelwe ziimpuphuma.
11 Ewe, uEfrayim ubandezelekile;suka wamvikiva umgwebo,kuba yena usukelana nezithixo ezingento yanto.
12 Ndoba njengenundu kumaEfrayim,ndibe njengombolisa kwaJuda.
13 UEfrayim wasibona isifo sakhe,noJuda wazibona iinduma zakhe.Suka uEfrayim wabhenel' eAsiriya,wazibika apho kukumkani uYarebhi;kodwa yena nkqi ukunyanga,soze aziphozise ezo nduma.