11 KwaEfrayim andisiwe amaqonga –nditsho awokungxengxezela isono.Ngoku angamaqonga okwenza isono.
12 Ndaba ngababhalela imithetho,nayo ke ingembalwa iyintaphane,suka nayo leyo bayikhaba,bayithatha njengento yasemzini.
13 Ewe, bona amadini bayandenzela;inyama yona bajika bayitye.*UNdikhoyo ke akanelisekanga ngabo,engabulibalanga nobugwenxa babo.Ewe, yena uza kubohlwaya;baza kuphindela kwaseJiputa.
14 USirayeli umlibele umenzi wakhe,suka wazakhela amabhotwe.UJuda wazandisa izixeko ezinqatyisiweyo –zixeko ezo ndozithumela ngomlilo,ulenye konke, nditsho nezo nqaba.”