1 Musa ukonwaba, Sirayeli;ewe, sukuvuya njengezinye izizwe.Kaloku wena umphambile uThixo wakho;wena usuke wamfulathela.Uthe phithi yimali yokuzithengisakuzo zonke izanda zokubhula.
2 Izanda nezixovulelo aziyi kuvelisa nto,newayini entsha yosuka inqongophale.
3 Awuzukuhlala kulo mhlaba *kaNdikhoyo.Ewe, úza kuphindela eJiputa uEfrayim;uya kutya ukutya okunomlaza eAsiriya.
4 Ewe, uNdikhoyo abayi kumenzela iminikelo yewayini;ayiyi kumanelisa iminikelo yabo.Kubo lo mnikelo wofana nesonka sabazili –abawutyileyo baya kuba nomlaza.Ukutya kwabo kolungela bona kuphela –akuyi kunikelwa kwindlu kaNdikhoyo.
5 Hee, niya kwenza ntoni ke ngemihla yemibhiyozo emisiweyo,ngomhla wetheko likaNdikhoyo?
6 Xa bangasindiyo ekutshatyalalisweniiJiputa yofika yona ibaqokelele,ke yena uMemfisi abangcwabe.Ubutyebi besiliva buya kukhulelwa lukhula,imizi yabo ibhijelwe yimithana enameva.
7 Iyeza imihla yesohlwayo –nditsho imihla yembuyekezo –noSirayeli ke uza kuqonda.Ngenxa yokwanda kobugwenxa benu,nobunzulu bentiyo yenu,*umshumayeli nithi sisityhakala,umntu onefuthe likaMoya uphambene.