7 Iyeza imihla yesohlwayo –nditsho imihla yembuyekezo –noSirayeli ke uza kuqonda.Ngenxa yokwanda kobugwenxa benu,nobunzulu bentiyo yenu,*umshumayeli nithi sisityhakala,umntu onefuthe likaMoya uphambene.
8 Umshumayeli ngumlindi kaEfrayim,bantu abo bangaboThixo wam,kodwa ubekelwa izabatha,kuliwe naye endlwini yoThixo wakhe.
9 Ewe, bonakele ngokungathethekiyo;kunjengaloo mihla yaseGibheya.UThixo akabulibalanga ubugwenxa babo,yaye ke uza kubohlwayangenxa yezono zabo.
10 Ndathi mhla ndamfumana uSirayelikwanga ndibhaqe iidiliya entlango;mhla ndabafumana ookhokho benuyaba ngathi ndibhaqe amakhiwane,makhiwane ke alulibo.Bathe bakufika eBhali-pehoresuka bazinikela kuBhali,baza bagqwaliseka njengaye kum.
11 Udumo lukaEfrayim lothi shwaka,luntinge lumke njengentaka.Akukho mfazi uya kukhulelwa;ewe, akukho mfazi uya kubeleka.
12 Naxa benabo abantwana abakhulayondobatshayela kuthi tu.Mawo-o-o! Yeka mhla ndabafulathela!
13 Ndambona uEfrayim enjengeTire,emi kwisithabazi somhlaba.Kambe abantwana bakhe baya kuzingelwa,bona boba zizisulu zokubulawa.