9 Ewe, bonakele ngokungathethekiyo;kunjengaloo mihla yaseGibheya.UThixo akabulibalanga ubugwenxa babo,yaye ke uza kubohlwayangenxa yezono zabo.
10 Ndathi mhla ndamfumana uSirayelikwanga ndibhaqe iidiliya entlango;mhla ndabafumana ookhokho benuyaba ngathi ndibhaqe amakhiwane,makhiwane ke alulibo.Bathe bakufika eBhali-pehoresuka bazinikela kuBhali,baza bagqwaliseka njengaye kum.
11 Udumo lukaEfrayim lothi shwaka,luntinge lumke njengentaka.Akukho mfazi uya kukhulelwa;ewe, akukho mfazi uya kubeleka.
12 Naxa benabo abantwana abakhulayondobatshayela kuthi tu.Mawo-o-o! Yeka mhla ndabafulathela!
13 Ndambona uEfrayim enjengeTire,emi kwisithabazi somhlaba.Kambe abantwana bakhe baya kuzingelwa,bona boba zizisulu zokubulawa.
14 Azi ndothini na *kuNdikhoyo?Mandithi banike ntoni na kodwa?Izizalo ezingaphathi nto;amabele awomileyo.
15 Ngenxa yezono abazenza eGiligalimna ndatsho ndabacaphukela.Ngenxa yezenzo zabo ezigwenxandiza kubagxotha endlwini yam.Ukubathanda kwam kwaphusile;kaloku iinkokheli zabo zindivukele.