15 Kaloku uNdikhoyo wayalela uMosis, waza uMosis yena wayigqithisela kuYoshuwa loo miyalelo, ke yena uYoshuwa wayithobela. Wenza konke okwayalelwa nguNdikhoyo kuMosis.
16 UYoshuwa wawuthimba wonke loo mhlaba: eleenduli, amazantsi eentaba ngasemantla nangasemazantsi, wonke ummandla waseGoshen, nentlango esezantsi, kwakunye naloo ntili yeJordan.
17-18 Lo mmandla usuka kwintaba iHalaki ngase-Edom ezantsi, wenjenjeya ukuya kutsho eBhali-gadi emantla kuloo ntili yeLebhanon ngaphantsi kwentaba iHermon. UYoshuwa walwa ithuba elide neekumkani zalapha, kodwa ekugqibeleni wazoyisa, wazibulala.
19 YiGibheyon qha isixeko esanqophisana namaSirayeli. Kulapho ayehlala khona amaHivi. Zonke ezinye izixeko zoyiswa edabini.
20 *UNdikhoyo wazinika isibindi sokulwa namaSirayeli, khon' ukuze zitshatyalaliswe ziphele tu kungekho lusizi. Yayingumyalelo kaNdikhoyo lowo kuMosis.
21 Ngelo xesha uYoshuwa waya kutshabalalisa ama-Anaki ahlala kweleenduli eHebron, eDebhiri, eAnabhi, nakuzo zonke iinduli zakwaJuda nakwaSirayeli. Wawatshabalalisa kunye nezixeko zawo zonke uYoshuwa.
22 KwaSirayeli akuzange kusinde namnye umntu wesizwe sama-Anaki. Babekho kambe abasindayo eGaza, eGati, naseAshdode.