10 Wenjenjeya ukusa kwimida yaseAmon, waquka zonke ezo zixeko zaziphantsi kwekumkani yama-Amori uSihon owayephethe eHeshbhon.
11 Lo mmandla wawuquka iGiliyadi, utyhutyhe imimandla yaseGeshure naseMahaka, uthathe yonke intaba iHermon nayo yonke iBhashan ukuya kutsho eSaleka.
12 Ukwalapho nomhlaba kaOgi owaba yikumkani yokugqibela kumaRafa, owayephethe iAshtaroti ne-Edreyi. Ezi ntlanga zonke zoyiswa nguMosis, wawuthimba umhlaba wazo.
13 Kambe ke amaSirayeli wona akazange abagxotha abantu baseGeshure naseMahaka; basahlala kunye namaSirayeli unangoku.
14 UMosis akazange ababele mhlaba abaLevi. Bona esabo isabelo, ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis, yinxaxheba bayifumana kumadini atshiswayo enzelwa uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli.
15 Nguwo lo umhlaba uMosis owawabela isizwe sakwaRubhen ngokwemizi yaso ube lilifa laso:
16 ummandla waso wawuye kuthi xhaxhe ngeArure phezu kwentili iAnoni, udibanise nesixeko esisembindini waloo ntili, kunye naloo mathafa ajikeleze iMedebha,