27 Kwintili yeJordan wawuthatha iBhete-haram, iBhete-nimra, iSukoti, kunye neZafon, nawo wonke ummandla kakumkani uSihon waseHeshbhon. Umda wabo ngasentshona yayingumlambo iJordan kuse emantla kuLwandle lwaseGalili.
28 Ezi zixeko needolophu zaba lilifa lezindlu zesizwe sakwaGadi.
29 Nguwo lo umhlaba uMosis owawabela isiqingatha sesizwe sakwaManase ngokwemizi yaso ube lilifa laso:
30 ummandla waso waya kuthi xhaxhe ngeMahanayim, wadibanisa neBhashan – wonke ummandla kakumkani uOgi waseBhashan, kunye nazo zonke ezo lali zimashumi mathandathu zaseJayire eBhashan.
31 Uthatha isiqingatha seGiliyadi, udibanise iAshtaroti ne-Edreyi, iidolophu ezazingamaziko olawulo zelizwe likakumkani uOgi waseBhashan. Wonke lo mmandla wabelwa isiqingatha semizi eyinzala kaMakire unyana kaManase.
32 Wenjenjalo ke uMosis ukwaba umhlaba ongasempumalanga kweJeriko neJordan kuloo mathafa akwaMowabi.
33 Kodwa ke uMosis akazange ababele mhlaba bona abaLevi. Elabo ilifa nguNdikhoyo uThixo wamaSirayeli ngokwesithembiso sakhe.