13 AmaSirayeli athuma umbingeleli uPineyasi unyana kaElazare kwaRubhen nakwaGadi nakwaManase ongaphesheya eGiliyadi.
14 UPineyasi wahamba neshumi lamadoda aziinkokheli zezizwe ezilishumi zakwaSirayeli. La madoda ayeziintloko zezindlu.
15 Baya kufika eGiliyadi kwaRubhen, kwaGadi, nakwaManase ongasempuma, bafika bathi:
16 “Sithetha nje, sithetha egameni lebandla likaNdikhoyo liphela. Niyenzeleni into embi kangaka ngokungathembeki kuThixo kaSirayeli? Yini na ukuba nityeke kuNdikhoyo ngokuzakhela iqonga lamadini, nivukelane naye ngoku?
17 Khange bube sisifundo na ubugwenxa obenzeke ePehore Kaloku uNdikhoyo wabetha ibandla xa lilonke ngobhubhani. Ngaba unanamhla anikahlanjululwa na kobo bugwenxa,
18 le nto nityekayo ekumlandeleni uNdikhoyo? Xa namhlanje nimvukela uNdikhoyo, ngomso kosa eliqumbele lonke ibandla lakwaSirayeli.
19 Xa umhlaba wenu ugqwalisekile, ngani ningaweli iJordan nje, niye apho simiyo *isibingelelo sikaNdikhoyo ezweni lakhe, nize kuma apha phakathi kwethu? Yekani ukumvukela uNdikhoyo nize nathi nisifake kolo vukelo lwenu ngokwenza qonga limbi lingelilo likaNdikhoyo uThixo wethu.