21 Oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sikaManase, benjenje ukuphendula iintloko zezizwe zakwaSirayeli:
22 “Oyena unguThixo nguNdikhoyo! Ewe, oyena unguThixo nguye uNdikhoyo! Nguye owaziyo ukuba sikwenzeleni na oku, yaye nani sifuna nazi. Ukuba oku sikwenze ngokungathembeki kuNdikhoyo, okanye ngokumvukela, masingasindi ekufeni namhlanje.
23 Yaye ukuba ngeli qonga sityekile ekumlandeleni uNdikhoyo ngokwenzela kulo amadini ethu atshiswayo, nawokudla, nawobudlelane, makasuke asigwebe yena ngenkqu.
24 Hayi bo! Elaa qonga silenze ngenxa yexhala lokuba kwixesha elizayo abantwana benu basenokuthi kubantwana bethu: ‘Uyintoni kuni kakade uNdikhoyo uThixo kaSirayeli?
25 Akanto yakwenza nani maRubhen namaGadi; wasahlula nani ngokwenza iJordan umda.’ Loo nto ke ingabangela ukuba abantwana bethu bayeke ukunqula uNdikhoyo.
26 Kungoko ke satshoyo ukuthi: ‘Masakhe iqonga, kodwa kungabi ngenjongo yakunikela madini naminikelo kulo.’
27 Hayi, sisitsho nje besisenzela thina nani, nezizukulwana ezizayo, ubungqina bokuba ngenene uNdikhoyo simnqula esibingelelweni sakhe ngamadini atshiswayo, nawobudlelane, nangeminikelo. Besisenzela ukuba abantwana benu bangaze bathi kwabethu: ‘Aninasabelo nina nanto yakwenza kuNdikhoyo.’