31 Umbingeleli uPineyasi, unyana kaElazare, wathi kuwo: “Ngoku siyazi ukuba uNdikhoyo uphakathi kwethu; animvukelanga. Ngoko ke amaSirayeli ephela asindile kumsindo wakhe.”
32 UPineyasi ke neentloko zamaSirayeli bemka kwaRubhen nakwaGadi eGiliyadi, babuyela eKanana, baya kwenza ingxelo kumaSirayeli.
33 Aneliseka yiloo ngxelo amaSirayeli, atsho abonga uThixo; akabi sathetha ngakuhlasela awutshabalalise umhlaba wamaRubhen namaGadi.
34 Baza ke abantu bakwaRubhen nakwaGadi balibiza elo qonga ngokuthi: “Lingqina kuthi sonke ukuba uNdikhoyo unguThixo.” Baza ke bathi ukulibiza liNgqina.