1 Lakuba ligqithile ithuba elide *uNdikhoyo uwaphumzile amaSirayeli ezintshabeni zawo ezaziwangqongile; noYoshuwa ngoku wayeselemdala aluphele.
2 UYoshuwa wawabiza onke amaSirayeli, amadoda amakhulu, iintloko zezindlu, abalamli, kunye nabanye abangamagosa, wathi kubo: “Sendaluphele; ndigugile mna ngoku.
3 Niyibonile yonke into ayenzileyo ngenxa yenu uNdikhoyo kuzo zonke iintlanga zalapha. UNdikhoyo uThixo wenu ubesoloko enilwela kaloku.
4 Khumbulani ukuba isizwe ngasinye kuni ndisabele umhlaba waso kumhlaba weentlanga endizitshabalalisileyo, kwanezo zisaseleyo phakathi kweJordan nolwandle ngasentshonalanga.