6 Ngoko ke yomelelani, ninyamekele nithobele yonke into ebhalwe kwincwadi yomthetho kaMosis, ningashiyi nendawo le.
7 Nize ningazibandakanyi naba bantu basaseleyo apha, ningabizi namagama *oothixo babo, okanye nisebenzise amagama oothixo babo xa nifunga, ningabanquli abo thixo nikhahlele kubo.
8 Ndaweni yaloo nto nina namathelani kuNdikhoyo, nenze njengoko senenzile unanamhla.
9 UNdikhoyo unigxothele izizwe ezikhulu nezinamandla ekungeneni kwenu, akwabikho bani unako ukumelana nani edabini.
10 Nditsho nomntu omnye kuni angachitha-chitha iwaka eyedwa, kuba kaloku uNdikhoyo uThixo wenu uyanilwela njengoko wathembisayo.
11 Ze nigcise ke ngenxa yobomi benu, uNdikhoyo uThixo wenu nimthande,
12 kuba kaloku xa nithe natyeka kuye nazibandakanya nezi ntlanga ziseleyo apha, nendiselana nazo,