8 Ndaweni yaloo nto nina namathelani kuNdikhoyo, nenze njengoko senenzile unanamhla.
9 UNdikhoyo unigxothele izizwe ezikhulu nezinamandla ekungeneni kwenu, akwabikho bani unako ukumelana nani edabini.
10 Nditsho nomntu omnye kuni angachitha-chitha iwaka eyedwa, kuba kaloku uNdikhoyo uThixo wenu uyanilwela njengoko wathembisayo.
11 Ze nigcise ke ngenxa yobomi benu, uNdikhoyo uThixo wenu nimthande,
12 kuba kaloku xa nithe natyeka kuye nazibandakanya nezi ntlanga ziseleyo apha, nendiselana nazo,
13 ze nazi kakuhle ukuba uNdikhoyo akakubuy' azigxothe, anivulele indawo. Ndaweni yaloo nto ziya kusuka zibe ngathi zizabatha nezigu zokunigcayisela, zibe ngathi zizabhokhwe zokunitywatyusha, nameva asemehlweni, nide niphele nithi shwaka kulo mhlaba ulungileyo niwunikwe nguNdikhoyo uThixo wenu.
14 “Ngoku ke sendiza kufa. Nazi mhlophe ezintliziyweni zenu nasemiphefumlweni yenu ukuba akukho nanye into ayithembisileyo angayenzanga uNdikhoyo; ewe, akukho nanye into ayithethileyo angayiphumelelisanga.