16 Aphendula amaSirayeli athi: “Thina asisoze sahlukane noNdikhoyo sikhonze thixo bambi.
17 NguNdikhoyo uThixo wethu owasikhulula thina nookhokho eJiputa ebukhobokeni. Siyayazi imiqondiso emikhulu awayenzayo. Wasilondoloza konke apho sihamba khona, wasikhusela xa besicanda phakathi kweentlanga.
18 UNdikhoyo wasigxothela zonke iintlanga, nditsho kunye nama-Amori awayemi apha. Ngoko ke nathi sokhonza uNdikhoyo; nguye uThixo wethu.”
19 UYoshuwa wathetha namaSirayeli wenjenje: “Aninako ukumkhonza uNdikhoyo. UNdikhoyo nguThixo owahlukileyo; unguThixo onekhwele. Akasayi kukuxolela ukumvukela kwenu nokumona kwenu,
20 yaye ukuba niyamfulathela nikhonze izithixo zasemzini, wonijikela anihlisele ububi. Wonitshabalalisa niphele, ngoku kanye ebekade eniphethe kakuhle.”
21 Abantu bathi kuYoshuwa: “Hayi bo! Thina siza kukhonza uNdikhoyo.”
22 Wathi ke uYoshuwa: “Ningamangqina enu ngokwenu ke ukuba nina nizikhethele ukukhonza uNdikhoyo.”“Ewe, singamangqina,” batsho abantu.