17 NguNdikhoyo uThixo wethu owasikhulula thina nookhokho eJiputa ebukhobokeni. Siyayazi imiqondiso emikhulu awayenzayo. Wasilondoloza konke apho sihamba khona, wasikhusela xa besicanda phakathi kweentlanga.
18 UNdikhoyo wasigxothela zonke iintlanga, nditsho kunye nama-Amori awayemi apha. Ngoko ke nathi sokhonza uNdikhoyo; nguye uThixo wethu.”
19 UYoshuwa wathetha namaSirayeli wenjenje: “Aninako ukumkhonza uNdikhoyo. UNdikhoyo nguThixo owahlukileyo; unguThixo onekhwele. Akasayi kukuxolela ukumvukela kwenu nokumona kwenu,
20 yaye ukuba niyamfulathela nikhonze izithixo zasemzini, wonijikela anihlisele ububi. Wonitshabalalisa niphele, ngoku kanye ebekade eniphethe kakuhle.”
21 Abantu bathi kuYoshuwa: “Hayi bo! Thina siza kukhonza uNdikhoyo.”
22 Wathi ke uYoshuwa: “Ningamangqina enu ngokwenu ke ukuba nina nizikhethele ukukhonza uNdikhoyo.”“Ewe, singamangqina,” batsho abantu.
23 “Yahlukanani ke nazo ezo zithixo zasemzini ninazo,” watsho uYoshuwa, “nize ke nizinikele ngomxhelo wonke kuNdikhoyo uThixo kaSirayeli.”