1 Ngengomso uYoshuwa namaSirayeli ephela bavuka xa kumpondo zankomo, banduluka eShitim, baya kuma phezu kweJordan lo gama balinde ukuwela.
2 Emva kweentsuku ezintathu iinduna zajikeleza esikhululweni,
3 ziyalela abantu zisithi: “Xa nibona ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo uThixo wenu kunye nababingeleli abangabaLevi abayithweleyo, ze niphakame, niphume, nilandele.
4 Kaloku niza kuhamba ngendlela eningazange niyihambe ngaphambili; kuya kufuneka ke nilandele ababingeleli. Kodwa kufuneka ningasondeli kwityesi yomnqophiso. Ze kubekho umgama omalunga nekhilomitha enye phakathi kwayo nani.”
5 UYoshuwa ke wathi ebantwini: “Zihlambululeni, kuba ngomso uNdikhoyo uza kwenza imimangaliso phakathi kwenu.”
6 Waza wabhekisa kubabingeleli wathi: “Thwalani ityesi yomnqophiso niwele, baze abantu balandele.” Benjenjalo ke ababingeleli.