12 Khethani ishumi elinambini lamadoda kwizizwe zakwaSirayeli, ibe nye kwisizwe ngasinye.
13 Bakuthi cakatha emanzini ababingeleli abathwele ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, iNkosi yehlabathi liphela, umlambo iJordan uya kuma, ahlanganiselane ndawonye amanzi avela ngentla.”
14-15 Yayilixesha lokuvuna, umlambo uzele, uphuphuma.Ukunduluka kwamaSirayeli ukuya kuwela iJordan, ababingeleli babewakhokele, bethwele ityesi yomnqophiso. Kuthe nje ukuba bathi cakatha emlanjeni,
16 ema amanzi avela ngentla, ahlanganiselana ada aya kutsho eAdam, idolophu emelene neZaretan. Amanzi ahlayo ukusinga kuLwandle oluFileyo anqamka, baza ke abantu bawelela kufuphi neJeriko.
17 Lo gama abantu bakwaSirayeli bawelayo behamba kumhlaba owomileyo, ababingeleli ababethwele ityesi yomnqophiso babemi zinzi kumhlaba owomileyo apho esizikithini somlambo iJordan, bada bawela baphelela abantu.