3 ziyalela abantu zisithi: “Xa nibona ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo uThixo wenu kunye nababingeleli abangabaLevi abayithweleyo, ze niphakame, niphume, nilandele.
4 Kaloku niza kuhamba ngendlela eningazange niyihambe ngaphambili; kuya kufuneka ke nilandele ababingeleli. Kodwa kufuneka ningasondeli kwityesi yomnqophiso. Ze kubekho umgama omalunga nekhilomitha enye phakathi kwayo nani.”
5 UYoshuwa ke wathi ebantwini: “Zihlambululeni, kuba ngomso uNdikhoyo uza kwenza imimangaliso phakathi kwenu.”
6 Waza wabhekisa kubabingeleli wathi: “Thwalani ityesi yomnqophiso niwele, baze abantu balandele.” Benjenjalo ke ababingeleli.
7 Wathi uNdikhoyo kuYoshuwa: “Into endiza kuyenza namhlanje iya kukwenza utsho uhlonipheke kumaSirayeli, aqonde ukuba ndinawe nanjengoMosis.
8 Yithi kubabingeleli abathwele ityesi yomnqophiso ze bathi bakufika emlanjeni iJordan, bangene beme enyeleni.”
9 UYoshuwa wabiza amaSirayeli wathi: “Sondelani nize kuva amazwi athethwe nguNdikhoyo uThixo wenu.