1 Lakuba luwele lwaphelela uhlanga lwamaSirayeli, *uNdikhoyo wathi kuYoshuwa:
2 “Tyumba amadoda abe lishumi elinambini, ibe nye kwisizwe ngasinye.
3 Yithi makathathe ishumi elinambini lamatye kulaa ndawo bekume zinzi kuyo ababingeleli esazulwini seJordan, awathwale loo matye, aze awabeke apho kuya kuba kukhululwe khona ngokuhlwa namhlanje.”
4 UYoshuwa wawabiza loo madoda alishumi elinambini awatyumbileyo kwisizwe ngasinye,
5 wathi: “Ngenani emlanjeni iJordan, nigqithe kwityesi yomnqophiso kaThixo uNdikhoyo, ize indoda nganye ixwaye ilitye eliza kumela isizwe ngasinye samaSirayeli.”
6 Watsho esithi: “La matye ngumqondiso kumaSirayeli ngazo zonke iziganeko zikaNdikhoyo. Xa bebuza ngomso abantwana benu besithi: ‘Ngawantoni na la matye?’