11 Bakuba bewele bonke, ityesi yomnqophiso yawezwa ngababingeleli, abantu bejongile.
12 Amadoda esizwe sakwaRubhen nesakwaGadi, kunye nenxalenye yesizwe sakwaManase, awela kuqala kunabo bonke abantu, exhobile, njengoko wayetshilo kuwo uMosis.
13 Kwawela amashumi mane amawaka amadoda axhobele idabi, aya kutsho kwezo ntili zeJeriko, ekhatshwa nguNdikhoyo.
14 Into eyenziwa nguNdikhoyo ngalo mhla yatsho amaSirayeli amhlonela uYoshuwa. Amhlonela bonke ubomi bakhe njengoko amhlonelayo uMosis.
15 UNdikhoyo wathi kuYoshuwa:
16 “Xelela ababingeleli abathwele ityesi yomnqophiso ukuba baphume emlanjeni.”
17 Wenjenjalo ke uYoshuwa,