17 Isixeko, nayo yonke into ekuso, kufuneka zitshatyalaliswe mpela, zibe ngumnikelo kuNdikhoyo ngomlilo. NguRahabhi ihenyukazi yedwa kunye nabantu bakowabo amabasindiswe, kuba yena wazifihla iintlola zethu.
18 Ze ningathathi nto ekufuneka itshatyalaliswe; xa nenjenjalo nozibizela intshabalalo ngokunokwenu, nihlisele amaSirayeli ishwangusha xa ewonke.
19 Yonke into eyenziwe ngesiliva, negolide, nobhedu, okanye ngentsimbi, mayahlulelwe uNdikhoyo. Kufuneka ifakwe koovimba bakaNdikhoyo.”
20 Bazivuthela izigodlo ababingeleli. Athi akuziva amadoda, ahlaba umkhosi ememeza, zadilika iindonga! Wasuka umkhosi waya ngqo esixekweni, wafika wasithimba.
21 Asenza umnikelo kuNdikhoyo isixeko, afaka ikrele umntu wonke, abulala amadoda nabafazi, abatsha nabadala. Abulala iinkomo, iigusha, kunye needonki.
22 UYoshuwa wathi la madoda mabini ayeziintlola makaye kwaRahabhi, eze naye nabantu bakowabo, njengoko ayethembisile.
23 Aya ke, abuya naye uRahabhi, kunye noyise, nonina, nabantakwabo, kunye nabo bonke abantu bakowabo. Bathatha wonke loo mzi uphela, babahlalisa ngakwisikhululo samaSirayeli.