2 *UNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “IJeriko ndiyinikela kuwe, kunye nokumkani wayo, kwakunye namagorha ayo.
3 Wena ke kunye nomkhosi wakho kufuneka niyijikeleze kanye ngemini iintsuku zibe ntandathu.
4 Kufuneka ababingeleli babe sixhenxe, elowo ephethe isigodlo, bahambe ngaphambi kwetyesi yomnqophiso. Ngosuku lwesixhenxe kufuneka wena nomkhosi wakho nisijikeleze kasixhenxe isixeko, ababingeleli bona bavuthele izigodlo.
5 Kuya kuthi ke xa bevuthela isandi eside ababingeleli, nihlabe umkhosi, nimemeze, zidilike iindonga zeJeriko. Wandule ke ukungena macal' onke ngaphakathi kwesixeko wonke umkhosi.”
6 UYoshuwa wababiza ababingeleli, wathi kubo: “Thathani ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, baze abasixhenxe kuni bahambe ngaphambi kwayo, bephethe izigodlo.”
7 Waza ke wayalela umkhosi wakhe ukuba ujikeleze isixeko, amanye amadoda axhobileyo ahambe ngaphambi kwetyesi yomnqophiso kaNdikhoyo.
8 Kwathi uYoshuwa esathetha njalo beza phambili abo babingeleli basixhenxe bephethe izigodlo ezisixhenxe, bazivuthela, baza balandelwa yityesi yomnqophiso kaNdikhoyo.