21 Asenza umnikelo kuNdikhoyo isixeko, afaka ikrele umntu wonke, abulala amadoda nabafazi, abatsha nabadala. Abulala iinkomo, iigusha, kunye needonki.
22 UYoshuwa wathi la madoda mabini ayeziintlola makaye kwaRahabhi, eze naye nabantu bakowabo, njengoko ayethembisile.
23 Aya ke, abuya naye uRahabhi, kunye noyise, nonina, nabantakwabo, kunye nabo bonke abantu bakowabo. Bathatha wonke loo mzi uphela, babahlalisa ngakwisikhululo samaSirayeli.
24 Bantumeka umlilo kweso sixeko, satsha nqu, kunye nento yonke eyayilapho. Igolide, nesiliva, nezinto zobhedu, nentsimbi, bazithatha bazisa koovimba bakaNdikhoyo.
25 Kodwa uYoshuwa wabasindisa ooRahabhi nabantu bakowabo, yaye uRahabhi usekho kwaSirayeli unanamhla, kuba wafihla iintlola ezazithunyelwe eJeriko nguYoshuwa.
26 UYoshuwa wafunga wathi:“Uqalekisiwe nguNdikhoyo umntu ovusa esi sixeko saseJeriko.Akubeka isiseko saso woswelekelwa lizibulo lakhe.Akuvusa amasango aso woswelekelwa nguntondo wakhe.”
27 UNdikhoyo waba noYoshuwa, lwavakala kulo lonke udumo lwakhe.