7 AmaSirayeli athi: “Singathini na ukunqophisana nani? Kusenokwenzeka ukuba nisuka kwalapha kufuphi.”
8 Bathi kuYoshuwa: “Thina sizizicaka zakho.”Wababuza uYoshuwa wathi: “Ningamani, yaye nivela phi?”
9 Bona baphendula bathi: “Mhlekazi, sivela kwelikude; saye sivile ngezigigaba *zikaNdikhoyo uThixo wakho, nangayo yonke into awayenza eJiputa,
10 kwakunye nakwenze kwiikumkani ezimbini zama-Amori ngaphesheya kweJordan, kukumkani uSihon waseHeshbhon kunye nokumkani uOgi waseBhashan owayemi eAshtoreti.
11 Amadoda amakhulu akuthi, kunye nabemi bonke belakowethu, bathi kuthi: ‘Zenzeleni umphako wendlela, nihambe niye kubo, nithi: “Sizizicaka zenu. Visisanani nathi, sihlalisane ngoxolo.” ’
12 Khangela umphako wethu wesonka. Ukunduluka kwethu ekhaya sisiza apha, esi sonka sasiseshushu. Ngoku sesomile, singunde nokungunda.
13 Iimvaba zewayini zazizele, zintsha, ngoku sezikrazukile. Neempahla zethu kunye neembadada zigugile luhambo olude.”