14 Isithunywa eso ke esasithetha nam sathi: “Lubhengeze olu daba uthi: Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Ndinekhwele elikhulu ngeJerusalem neZiyon.
15 Kambe ke ndiziqumbele kakhulu izizwe ezixhamla ulonwabo. Bendingaqumbanga kakhulu, kodwa zona zisuke zayongezelela inkxwaleko.’
16 “Ngoko ke utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘IJerusalem ndiza kuyivelela ngenceba, ibuye yakhiwe indlu yam khona,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke. ‘Ewe, intambo yokulinganisa iza kolulwa phezu kweJerusalem.’
17 Phinda ubhengeze uthi: Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Iidolophu zam ziya kuphinda ziphuphume yinkqubela, iZiyon ndibuye ndiyithuthuzele mna Ndikhoyo, ndiyichonge iJerusalem.’ ”
18 Ndathi ndakukhangela ndabona nazo iimpondo ezine phambi kwam.
19 Ndabuza kweso sithunywa sasithetha nam ndathi: “Yintoni intsingiselo yazo?”Saphendula sathi: “Ezi zezi mpondo zachitha-chitha uJuda noSirayeli neJerusalem.”
20 Ke kaloku *uNdikhoyo wandibonisa iingcibi ezine,