1 Ke kaloku wandibonisa umbingeleli omkhulu uYoshuwa emi phambi kwesithunywa *sikaNdikhoyo; yena uSathana emi ngasekunene kwakhe eza kummangalela.
2 UNdikhoyo ke uthe kuSathana: “NdinguNdikhoyo nje ndiyakukhalimela, Sathana! Ewe, ndinguNdikhoyo onyule iJerusalem nje ndiyakukhalimela! Kaloku lo mfo ufana nesikhuni esixhwilwe emlilweni.”
3 Ngoko ami phambi kwesithunywa uYoshuwa wayenxibe iimpahla ezingcolileyo.
4 Isithunywa ke sathetha nâbo babemi phambi kwaso sathi: “Mkhululeni ezo mphala zingcolileyo.”Sabhekisa kuYoshuwa ke sathi: “Uyabona ke, ndibususile ubugwenxa bakho; ndaye ke ndiza kukunxiba iimpahla zexabiso.”
5 Mna ke ndathi: “Mabamthwalise entloko iqhiya ecocekileyo.” Baza ke bamthwalisa iqhiya ecocekileyo, baza bamnxibisa iimpahla, isithunywa sikaNdikhoyo sisemi njalo.
6 Ke kaloku isithunywa sikaNdikhoyo samthembisa sathi:
7 “UNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Ukuba uthe wahamba ngeendlela zam, wayithobela imimiselo yam, indlu yam iya kulawulwa nguwe, ngokunjalo neenkundla zam zibe phantsi kwakho; kananjalo ke nawe uya kuba nendawo phakathi kwaba bemi apha.
8 “ ‘Yoshuwa, mbingeleli omkhulu, phulaphula, beve nabo oogxa bakho abakungqongileyo; abo bangumqondiso wezinto ezizayo. Kaloku ndiya kuvelisa ihlumelo elisisicaka sam.
9 Uyabona ke ndibeke ilitye phambi koYoshuwa, litye elo elinamehlo asixhenxe kulo. Kulo ke ndiya kukrola umbhalo, isono seli lizwe ndisisuse ngamini-nye,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.”
10 “UNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Ngaloo mini nonke ngabanye elowo uya kumema ummelwane wakhe, ahlale naye phantsi komdiliya noba ngumkhiwane.’ ”