Uzakariya 13 XHO96

Ukuhlanjululwa

1 “Ngaloo mini indlu kaDavide nabemi baseJerusalem bovulelwa umthombo wokuhlambulula isono nokungcola.

2 “Ngaloo mini ndowasusa amagama ezithixo elizweni, angabi sakhunjulwa mpela,” utsho *uNdikhoyo onamandla onke. “Ndiya kubasusa elizweni abashumayeli ndawonye nomoya ongcolileyo.

3 Kothi ke, xa kukho nabani na osashumayelayo, uyise nonina abo bamzeleyo bothi kuye: ‘Ufanelwe kukufa, kuba uthetha ubuxoki egameni likaNdikhoyo.’ Ukuba ùthe washumayela ke wogwazwa ngunina noyise abamzeleyo.

4 “Ngaloo mini *umshumayeli ngamnye woba neentloni ngombono wakhe xa ashumayelayo, angabi sayambatha ingubo yoboya ekhohlisa abantu.

5 Ndaweni yaloo nto uya kusuka athi: ‘Andinguye umshumayeli; mna ndingumlimi. Lowo yaba ngumsebenzi wam oko ndabakho.’

6 Xa omnye embuza esithi: ‘Ngawani loo manxeba asemzimbeni?’ Wophendula athi: ‘Ngamanxeba endiwafumene endlwini yabahlobo bam.’ ”

Ukuchithakala komhlambi

7 *UNdikhoyo onamandla onke uthi:“Vuka, krelendini!Vukelana nomalusi wam,nditsho lo mfo usondeleyo kum.Ewe, bulala umalusi;iigusha ziya kuchithakala.Ke mna ndosisa isandla sam ngaphezu kwezincinane.”

8 Utsho uNdikhoyo ukuthi:“Ehlabathini jikeleleisibini esithathwinisobethwa siwe phantsi sife,ke sona isinye esithathwini sisale.

9 Isinye esithathwini ke esomna ndosifaka emlilweni,ukuze sihlambuluke sibe nyuluoku kwesiliva evavanyiweyo,nditsho oku kwegolide enyibilikisiweyo.Baya kulibiza igama lam,ndize mna ndibaphendule.Ndiya kuthi: ‘Bangabantu bam.’Bona bathi: ‘UNdikhoyo nguThixo wethu.’ ”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14