Uzakariya 14 XHO96

UNdikhoyo uya kulawula

1 Ke kaloku iyeza imini *kaNdikhoyo apho amaxhoba athinjwe kuni aya kwabiwa nikhangele.

2 Ndiya kuzihlanganisa izizwe zonke zize kulwa neJerusalem. Isixeko siya kuthinjwa, imizi ikhuthuzwe, abafazi badlwengulwe. Isiqingatha sabemi besixeko siya kuthinjwa, baze abantu abaseleyo bayekwe apho esixekweni.

3 Ke uNdikhoyo uya kuphuma alwe nazo ezo zizwe njengoko wayesilwa ngemini yedabi.

4 Ngaloo mini iinyawo zakhe ziya kuma ngxishi phezu kweNtaba yemiNquma ephambi kweJerusalem ngasempuma. Ke yona iNtaba yemiNquma iya kucandeka kubini ukusuka empuma kuye entshona, kuthi zinzi intili enkulu ngokugqithisileyo. Isiqingatha sentaba siya kunyukela emantla, size ke sona esinye sihlele ngezantsi.

5 Ke nina niya kusaba ngenkalo yeentaba zam, kuba intili yezo ntaba iya kunaba iye kuthi xhaxhe ngeAzele. Nina niya kubhaca nixelise ngokuya ooyihlo-mkhulu babebaleka inyikima, ngemihla kaUziya ukumkani wakwaJuda. Uya kwandula abonakale ke yena uNdikhoyo uThixo wam, esiza ephahlwe zizo zonke iingcwele zakhe.

6 Ngaloo mini kobe kungekho kukhanya, kungekho ngqele naqabaka.

7 Koba yimini eyodwa, engenamini nabusuku – imini eyaziwa nguNdikhoyo. Kwakufika ukuhlwa kobakho ukukhanya.

8 Ngaloo mini ke kuya kumpompoza amanzi aphilisayo, ephuma eJerusalem, isiqingatha sawo sinkcenkcezele ulwandle lwasempuma, size ke esinye siye kungena kulwandle lwasentshona. Koba njalo ehlotyeni nasebusika.

9 Ke uNdikhoyo uya kuba ngukumkani wehlabathi jikelele. Ewe, ngaloo mini iya kuba nguNdikhoyo yedwa, igama lakhe libe kuphela kwagama elitshatsheleyo.

10 Wonke lo mhlaba, ukusuka eGebha ngasentla, kuthi xhaxhe ngeRimon ezantsi kweJerusalem, uya kuba sisithabazi sethafa. Ke yona iJerusalem iya kuwuvelela lo mhlaba isesikhundleni sayo. Isixeko siya kuqalela kwiSango lakwaBhenjamin, siye kuthi rhece kwiSango laMandulo, siye kutsho kwiSango leKona, siphume kwinqaba yakwaHananeli, sijonge kwizixovulelo zewayini zakomkhulu.

11 Abantu ke baya kuhlala kuyo, ingaze iphinde itshatyalaliswe, yona iJerusalem ihlale ikhuselekile.

12 UNdikhoyo uya kuzihlisela isibetho zonke izizwe ezilwe neJerusalem. Imizimba yabo iya konakala ibole lo gama besemi ngeenyawo zabo, ngokunjalo namehlo abo emakrolomeni, neelwimi zabo emilonyeni.

13 Ngaloo mini uNdikhoyo uya kubahlisela ukunkwantya okukhulu abantu, umntu ngamnye axhakamfule isandla somnye, bahlaselane.

14 Abemi bakwaJuda nabo baya kulwa eJerusalem. Baya kuxhaphaza amaxhoba kuzo zonke izizwe ezingabamelwane, bazenzele kubutyebi bazo – igolide, isiliva, nempahla yokunxiba, xa zizonke ke ngendlu yazo.

15 Kwaeso sibetho siya kufikela amahashe, iimeyile, iinkamela, needonki, nayo yonke imfuyo ekwezo kampu zeentshaba.

16 Ke kaloku amasalela azo zonke izizwe kwezo zazihlasela iJerusalem, minyaka le ngexesha letheko lamaphempe aya kuya kunqula akhahlele uKumkani, uNdikhoyo onamandla onke.

17 Xa kukho isizwe ehlabathini apha esingavumiyo ukuya kunqula uKumkani onguNdikhoyo onamandla onke eJerusalem yosuka ingani imvula kuso.

18 Nesizwe samaJiputa xa sithe sala ukuya, naso asiyi kuyifumana imvula – naso siya kuhlelwa sisibetho esihlela izizwe ezingavumiyo ukuya kubhiyozela itheko lamaphempe.

19 Eso ke iya kuba sisohlwayo kwiJiputa nazo zonke izizwe ezingathathi nxaxheba kwitheko lamaphempe.

20 Ngaloo mini neentsimbi zamahashe ziya kukrolwa umbhalo othi: “YekaNdikhoyo pheleleyo.” Iimbiza ezisendlwini zikaNdikhoyo nazo ziya kuba ngcwele kanye oku kwezitya zeqonga lamadini.

21 Yonke into eyimbiza eJerusalem nakwaJuda iya kuba ngcwele, isetyenziswe xa kunqulwa uNdikhoyo onamandla onke. Abantu abenza amadini baya kusebenzisa zona xa bepheka inyama yamadini. Ngaloo mini ke akusayi kubakho bantu bashishinayo kwindlu kaNdikhoyo onamandla onke.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14