Uzakariya 12 XHO96

Ibuyambo kwiJerusalem

1 Nalu udaba olundilisekileyo, nditsho ilizwi *likaNdikhoyo elisingisele kumaSirayeli. UNdikhoyo ongumtwabululi wesibhakabhaka, ongumseki wehlabathi, ongumdali wobomi bomntu, uthi:

2 “IJerusalem ndoyenza ibe yindebe ehexisayo kuzo zonke izizwe eziyingqongileyo. IJerusalem iya kungqingwa kunye nazo zonke iidolophu zakwaJuda.

3 Ngaloo mihla iJerusalem ndoyenza ifane nelitye elinzima kunene, yaye ke nabani na ozama ukuliphakamisa losuka limgcimfize. Zonke izizwe zehlabathi zodibana ziyihlanganyele.

4 Ngaloo mini, utsho uNdikhoyo, ndowarhwaqelisa onke amahashe abo, batsho baphakuzele abaphezu kwawo. Indlu kaJuda yona ndiya kuyilondoloza; ke wona amahashe onke eentlanga ndowabetha ngobumfama.

5 Iinkokheli zakwaJuda zosuka zithi ezintliziyweni zazo: ‘Abantu baseJerusalem bomelele, kuba uThixo wabo nguNdikhoyo onamandla onke.’

6 “Ngaloo mini iinkokheli zakwaJuda ndozenza zibe njengomlilo ophenjwe ehlathini okanye isikhuni esintumeka izithungu zengqolowa. Ziya kuzitshabalalisa zonke izizwe ezimjikelezileyo, nditsho ekunene nangasekhohlo. Ke yona iJerusalem iya kuphinda imiwe kwasendaweni yayo.

7 “UNdikhoyo uya kuqala ngokuhlangula imizi yakwaJuda, ukuze isidima sendlu kaDavide neso siya kuzuzwa ngabemi baseJerusalem singasidluli esakwaJuda.

8 Ngaloo mini ke uNdikhoyo uya kubakhusela abemi beJerusalem, khon' ukuze nelona bhetyebhetye phakathi kwabo lomelele njengoDavide. Isizukulwana sendlu kaDavide siya kuba phambili, sifane nesithunywa sikaNdikhoyo, sibe njengoThixo ngenkqu.

9 Ngaloo mini ndiya kukulungela ukuzitshabalalisa zonke izizwe ezihlasela iJerusalem.”

Ukuzila eJerusalem

10 “Indlu kaDavide ngokunjalo nabantu baseJerusalem ndiya kubathululela umoya wenceba nowokutarhuzisa. Baya kuthi besakujonga kum, mna lowo bamhlabileyo, basuke bangqukruleke ngesililo, babe ngathi bakhalela umntwana okuphela kwakhe; ewe, baya kutsho ngesofelweyo ngunyana olivela-tanci.

11 Ngaloo mini isililo esiseJerusalem soba sikhulu njengeso sokulilela uHadade-rimoni kumathafa aseMegido.

12 Ilizwe liya kuzila, umzi ngamnye uwodwa, nabafazi bawo bebodwa. Yoba yindlu kaDavide nabafazi bayo, ibe yindlu kaNatan nabafazi bayo,

13 ibe yindlu kaLevi nabafazi bayo, ibe yindlu kaShimeyi nabafazi bayo,

14 ize ibe zizindlu zonke eziseleyo, iyileyo iyodwa, nabafazi bebodwa.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14