Uzakariya 10 XHO96

UThixo uyawabonelela amaJuda

1 Entlakohlaza celan' imvula *kuNdikhoyo.Nguye umenzi wamafu esiphango.Abantu ubanika izandyondyo zemvula,amadlelo uwatsho avelisele abantu uhlaza.

2 *Imilonde-khaya ithethe inkohliso,izangoma zibone imibono yobuxoki.Nabaphuphayo balawula imfeketho;suka benze intuthuzelo elambathayo.Abantu batsho babhadula njengeegusha;babandezelekile kukuswel' umalusi.

3 “Bayandicaphukisa aba belusi.Ndosuka ndizohlwaye ezi nkokheli.Kaloku uNdikhoyo onamandla onke ubakhathalele abo bangumhlambi wakhe;nditsho indlu kaJuda.Wobenza babe njengehashe elidliselayo emfazweni.

4 Kuye uJuda kovela ilitye lembombo;sophuma kuye isikhonkwane sentente;lovela kwakuye utolo lwemfazwe;ewe, bophuma kuye abalawuli.

5 Bonke ke boba ngamagorha,utshaba balunyhashe ezitalatweni ezinodaka.Baya kulwa ngobukroti, kuba uNdikhoyo ungakubo,bawatsho adane amajoni akhwele amahashe.

6 “Ndiza kuyomeleza indlu kaJuda,ndiyihlangule indlu kaJosefu.Ewe, ndoba nebuyambo ngakubo;kaloku mna ndinenceba ngabo.Boba ngathi zange ndibalahle.Kaloku mna ndinguNdikhoyo uThixo wabo,ndaye ke ndobaphendula.

7 AmaEfrayim osuka abe ngamagorha;zosuka zichwayite iintliziyo zabo,ngathi' arhabule iwayini.Abantwana bawo baya kubona bavuye,ichwayite intliziyo yabo nguNdikhoyo.

8 Ndobakhweba ndize ndibaqokelele.Ngenene ndiza kubahlangula,babe yinyambalala njengamandulo.

9 Nakuba ndabasarhaza ezizweni,kodwa nakwelikude baya kundikhumbula.Bona ndawonye nenzala yabo bosinda,baze babuyele ekhaya.

10 Ndiya kubakhupha ezweni laseJiputa,ndibaqokelele naseAsiriya.Ndobabuyisela eGiliyadi naseLebhanon,kangangokuba kungabikho ndawo inokubanela.

11 Bophumela kulwandle lweenkathazo,amaza alatyuzayo atsho athozame,iziziba zeNayile zome qoko.Iqhayiya leAsiriya lotshitsha,iJiputa itsho ilahlekane nomsimbithi wokulawula.

12 Mna Ndikhoyo ndoba nabantu bam, ndibomeleze;baya kuhamba egameni lam.”Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14